Icandelo lezamanzi kwiSebe lemiCimbi yaManzi namaHlathi eMzantsi Afrika, ngokubambisana neKomishoni yoPhandonzulu kwimiba yezamanzi neZiko lezaManzi eMzantsi Afrika zibamba unikezo lweembasa kumakhosikazi ngokuphathelene nezamanzi.
Eli nyathelo lokuqala lijolise ekunikeni imbeko nasekudumiseni ukuzinikela kwamakhosikazi kwicandelo lamanzi nasekuphakamiseni:
Inxaxheba yomsebenzi nosekezelwe kuluntu ngamakhosikazi akulawulo lwamanzi; kwaye
Eyona ndawo ingundoqo edlalwa ngamakhosikazi ngokuphathelelene emanzini kukutshatyalaliswa kobuhlwempu, uphuhliso lwemfundo nogcino kuzo zombini indawo zokuhlala ezasedolophini nezasemaphandleni.
Kunyaka ngamnye iimbasa zibulela amakhosikazi ngendima ayidlalileyo ephambili kwezindidi zilandelayo:
UmPhandinzulu omkhulu (ukulungiselela umntu omiselwe into ominyaka ingama-35 nangaphezulu);
UmPhandinzulu onganeno (ukulungiselela umntu ongaphantsi kweminyaka engama-35);
Uphuhliso loluNtu;
Imfundo nokuqonda; kunye noLawulo nokwenziwa komGaqo-nkqubo.
Abantu abamiselwe izinto ukulungiselela ezindidi mhlawumbi angazimela okanye babeliqela. Iimbasa ziza kunikezwa kumakhosikazi aneso sidima, amakhosikazi aphume izandla emsebenzini wawo, nawenze igalelo elibalulekileyo kwicandelo lamanzi eMzantsi Afrika.
Le iza kusetyenziswa njengesikhokelo ekumiselweni kwenkosikazi/amakhosikazi abandakanyekayo ngokusesikweni nakwinkqubo zethutyana ezinxulumene namanzi ezingamiselekanga
Irekhodi elivunyiweyo lempumelelo nokubandakanyeka;
Ulawulo lwenkqubo yethutyana nokuzalisekisa;
Unikelo kuluvo olwakhayo nakutshintsho lokuziphatha;
Unikelo kuphuhliso nakufezekiso logcino lwenkqubo zethutyana;
Inzondelelo nomonde;
Unikelo kwiinkqubo zokwenza izigqibo;
Ukukwazi ukuyimela; na
Impembelelo yokulunga kanye.
USUKU LOKUGQIBELA
UNGENISO
Ngenisa uluhlu lwakho lwamagama
Amakhosikazi kwiKomiti eQuquzelela unikezelo lweMbasa zaManzi
ISebe lemiCimbi yaManzi namaHlathi
